04/11/2023
Ithi Imbali uTolo no Z**i ngamawele, uTolo livela tanci Ze kwalandela uZ**i, uyise wabo nguKhuze, kuthe APHA ekukhuleni uTolo wathiywa ngoba nguDlangamandla ngoba babethi xa besitya aphange uTolo Ze uZ**i ashiyeke engahluthanga Ze ke uTolo watyiswa yedwa Kuba ephanga Ze uZ**i atyiswe buminanyana yedwa wathiywa ke yena kwathwa nguDlamini.
Bakhulile ke kukuhle kunjalo, imbambano izoqala xa kufineka ivela tanci lithathe ubukhosi Ze uKhuze wenza ubuqhetseba ngelithi uZ**i nguye inkosi, kwathi xa benikwa ubukhosi kwathwa uTolo makajonge entshonalanga zeUdlamini ajonge eMpumalanga, yaphela ke into isithi ubukhosi bobeli iwele lijonge Empulanga, kuthe kusenjalo wabulwela ubukhosi bakhe uTolo Ze ke baxabana babe ke bayohlukana uZ**i wazimela geqe Ze uTolo naye wazimela geqe wabe ke uZ**i uyinkosi ngolohlobo.